Idabi laqhuba ke yonke loo mini, waye ukumkani exhaswe enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram. Igazi elalimpompoza kwelo nxeba lakhe lada lathi gwantyi phantsi apho enqwelweni, waza ke xa kuhlwayo wafa.