1 Yookumkani 18:1-15 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku emva kwethuba, kunyaka wesithathu waloo mbalela, uEliya wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Hamba uye kubonana noAhabhi; ke mna ndiya kuyinisa imvula elizweni.”

2. Ngenene ke uEliya waya kuAhabhi.Ngelo xesha ke imbalela yayibhokile eSamariya,

3. waza ke uAhabhi wabiza uObhadiya owayengumaqhuzu apho komkhulu. (UObhadiya wayenqula uNdikhoyo enyanisekile.

4. Kwathi xa uJezebhele wayebaphumele ngokubabulala abashumayeli bakaNdikhoyo, uObhadiya wathatha ikhulu labashumayeli, waya kubafihla emiqolombeni emibini, wafaka amashumi amahlanu kumqolomba ngamnye, wamana ebapha ukutya namanzi.)

5. UAhabhi ke wathi kuObhadiya: “Khawuhamba-hambe kuwo wonke lo mhlaba, ujonge ngasemithonjeni nasezintilini, hleze kuthi kanti sisengayizuza ingca, ukuze afumane ukutya amahashe neemeyile, abe nokuphila, nathi singade siyibulale imfuyo yethu.”

6. Umhlaba lowo ke bawahlula-hlula, waza uAhabhi waya kwelinye icala, no-Obhadiya waya kwelinye.

7. Uthe ke esahamba uObhadiya, wadibana noEliya. UObhadiya wamnakana, waza wakhahlela, waguqa phantsi, wathi: “Ngaba ngenene nguwe na lowo, nkosi yam Eliya?”

8. UEliya waphendula wathi: “Ewe, ndim kanye! Hamba uye kuxelela inkosi yakho uthi: ‘Nanku uEliya!’ ”

9. “Ngaba ndenze bugwenxa buni kodwa,” ubuzile uObhadiya, “le nto isicaka sakho usinikela esandleni sika-Ahabhi ukuze sibulawe?

10. Ekho nje uNdikhoyo uThixo wakho, akukho lizwe nabukumkani ingathumelanga mntu kulo inkosi yam izingelana nawe lo. Isizwe okanye ubukumkani obuthe bakulandula, ubeqononondisa abafungise ukuba ngenene awufumaneki ndawo khona.

11. Ngoku ke wena uthi mandiye enkosini yam, ndifike ndithi kuyo: ‘Nanku Eliya.’

12. Kaloku andinakwazi apho wokusa khona uMoya kaNdikhoyo, sakuba sahlukene. Ukuba ndinokuya kuye ndimxelele, aze yena uAhabhi angakufumani apha, angandibulala, ndibe ke mna, sicaka sakho, uNdikhoyo lo ndamnqula kwasebuntwaneni.

13. Ngaba akuyivanga na, nkosi yam, into endiyenzileyo ngokuya uJezebhele ebebulala abashumayeli bakaNdikhoyo? Kaloku ndathatha ikhulu labashumayeli bakaNdikhoyo, ndalifihla emiqolombeni, ndafaka amashumi amahlanu kuwo ngamnye, ndaza ndamana ndibapha ukutya namanzi.

14. Uze ke wena ngoku uthi mandiye enkosini yam, ndiyixelele ndithi: ‘Nanku uEliya.’ Ngenene angandibulala!”

15. UEliya wathi: “Ekho nje uNdikhoyo uSomandla lo ndimkhonzayo, inene, ngayo yona le mini ndiza kubonana noAhabhi.”

1 Yookumkani 18