1 Yookumkani 16:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesithandathu uAsa engukumkani wakwaJuda, uEla unyana kaBhayesha waqalisa ukulawula kwaSirayeli, waza walawula eTirza iminyaka emibini.

9. Elinye lamaphakathi akhe uZimri wamenzela iyelenqe. Eli phakathi lalilawula isiqingatha seenqwelo zemfazwe. Ngeli thuba ke uEla wayelibele kukunxila kwa-Arza eTirza. UArza lo ke wayengumlawuli apho komkhulu eTirza.

10. UZimri wangena wambetha wambulala, xa kanye uAsa akunyaka wamashumi amabini anesixhenxe engukumkani kwaJuda. Waza ke wathatha indawo yakhe.

11. Uthe ke uZimri akungena ezintanjeni wayingenela wayibulala indlu kaBhayesha iphela. Wabulala akashiya duna, nditsho isizalwana nesihlobo.

12. Ewe, uZimri wayitshabalalisa yonke indlu kaBhayesha ngokomlomo kaNdikhoyo ethetha ngomshumayeli uYehu ngokubhekiselele kuBhayesha.

13. Le nto ke wayenza ngenxa yezono ezenziwa nguBhayesha nonyana wakhe uEla, nangenxa yokuba uSirayeli bamlukuhlela esonweni, ngeso senzo ke bamxhokonxa uNdikhoyo, waza wakhathazeka uNdikhoyo uThixo kaSirayeli yimifanekiso yabo ephuthileyo yezithixo.

14. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaEla, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

15. Ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uAsa engukumkani wakwaJuda, uZimri walawula eTirza iintsuku ezisixhenxe. Umkhosi wawumi ngakwidolophu yamaFilistiya iGibheton.

16. Athi akuva amaSirayeli asemkhosini ukuba uZimri wenzele ukumkani iyelenqe wambulala, ammisela uOmri, owayeyinjengele yomkhosi, wangukumkani kwangaloo mini phezu koSirayeli ephela.

17. Ke uOmri nawo onke amaSirayeli ahlehla eGibheton, aza angqinga iTirza.

18. Uthe akuqonda uZimri ukuba isixeko sihlaselwe, wasuka waya enqabeni yakomkhulu, waza walintumeka umlilo ikomkhulu elo, naye wafela apho.

19. Le nto yenzeka ngenxa yezono awazenzayo esona *uNdikhoyo, ehamba ekhondweni likaJerobhowam nezono awazenzayo nokulukuhlela kwakhe amaSirayeli esonweni.

20. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZimri kunye novukelo lwakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

1 Yookumkani 16