14. “UNdikhoyo uza kuzivelisela ukumkani oya kulawula kwaSirayeli, oya kuyinqamla iphele indlu kaJerobhowam. Uyabona ke ngoku, ngamaqalela ke lawo!
15. UNdikhoyo uza kuqwakanisa uSirayeli, kube ngathi kukuzama-zama kweengcongolo emanzini. Uza kumncothula uSirayeli kweli lizwe lihle kunene walipha ooyise-mkhulu. Uya kumsarhaza phesheya komlambo iEfrati. Kaloku uNdikhoyo bamcaphukise ngokwenza izibonda ezifanekisa uAshera.
16. Ngenxa yezono azenzileyo uJerobhowam, nangenxa yokuba ewexule noSirayeli, uNdikhoyo uza kumncama uSirayeli.”
17. Ke kaloku umka-Jerobhowam waphakama wemka waya eTirza. Wathi nje ukuba athi cakatha kumnyango wendlu yakhe, yasweleka inkwenkwe leyo.
18. Bayingcwaba, waza wonke uSirayeli walila ngenxa yayo ngokomlomo kaNdikhoyo kwisicaka sakhe umshumayeli uAhiya.
19. Ke kaloku ezinye iziganeko zolawulo lukaJerobhowam, iimfazwe nokuphatha kwake, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
20. Walawula iminyaka emashumi mabini anambini, waza waphumla kooyise. Ezihlangwini zakhe ke kwangena unyana wakhe uNadabhi walawula.
21. Ke kaloku uRehobhowam, unyana kaSolomon, waba ngukumkani kwelakwaJuda. Ukungena kwakhe kwesi sihlalo wayenamashumi amane ananye eminyaka, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesixhenxe eJerusalem, isixeko esanyulwa *nguNdikhoyo ezizweni zonke zakwaSirayeli ukuze lihlale kuso igama lakhe. Unina yayinguNahama engumAmonikazi.
22. Ke kaloku uJuda wona kuNdikhoyo. Ngezono abazenzayo uNdikhoyo bamkhweletisa, waza wakhathazeka nangaphezu kokuba babemcaphukisile ngezenzo zabo ooyise.
23. Kaloku bazimisela iinduli ezithile, namatye akhethiweyo, nezibonda eziyimifanekiso ka-Ashera, kuzo zonke iinduli eziphakamileyo, naphantsi kwayo yonke imithi efukufuku.
24. Bada benza nezibingelelo zamahenyu angamadoda apho kwelo lizwe labo. Kaloku bangena bawenza onke amasikizi awayesenziwa zizizwe awazigxothayo uNdikhoyo phambi kokungena kwamaSirayeli.
25. Kunyaka wesihlanu engukumkani uRehobhowam, iJerusalem yahlaselwa nguShishaki ukumkani waseJiputa.
26. Wabuthimba ubutyebi obabusendlwini kaNdikhoyo, kunye nobo babusebhotwe. Wabutha konke kunye namakhaka egolide awayenziwe nguSolomon.
27. Ngoko ke ukumkani uRehobhowam wenza amakhaka obhedu endaweni yawo, waza wawanikela kwiingqwayi-ngqwayi ezazilinda amasango akomkhulu.
28. Ukumkani xa esiya endlwini kaNdikhoyo aba balindi babewathatha la makhaka, baze ke emva koko bawabuyisele kwindlu yabalindi.
29. Ke kaloku ezinye iziganeko zolawulo lukaRehobhowam, nayo yonke imisebenzi yakhe, zikwincwadi yeembali zookumkani bakwaJuda.