28. Waphuma ke, waza wawufumana loo mzimba uthe gangalala endleleni, phezu kwawo kungxange idonki nengonyama. Ingonyama leyo zange iwutye, ingazange iyiqwenge nedonki leyo.
29. Ngoko ke umshumayeli lowo wawuthatha loo mzimba womfo wakwaThixo, wawuxhoma edonkini, wabuya nawo, wawuzisa esixekweni sakhe, ukuze alilelwe angcwatye.
30. Umzimba lowo ke wawufaka kwelakhe ingcwaba, baza ke bamlilela besithi: “Yho-o-o, umntakwethu!”
31. Bakugqiba ke ukumngcwaba, wathi koonyana bakhe: “Ndakuba ndifile ze nindifihle kweli ngcwaba lilele lo mfo wakwaThixo, amathambo am niwabeke ecaleni kwawakhe.
32. Kaloku udaba alubhengezileyo eyalelwe nguNdikhoyo mayela neqonga laseBhetele, nazo zonke izibingelelo ezisezindulini kwiidolophu zaseSamariya, nanjani na luya kufezeka.”