31. Waza ke wathi kuJerobhowam: “Zithathele iziqwenga zibe lishumi. Kaloku la ngamazwi *kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Ndiza kuwukrazula umbuso kaSolomon, wena ndikunike izizwe ezilishumi.
32. Kambe ke ngenxa yesicaka sam uDavide, nesixeko sam iJerusalem endasinyulayo kuzo zonke izizwe zikaSirayeli, yena wosala nesizwe sibe sinye.
33. Le nto ke ndiza kuyenza kuba bandilahlile banqula uAshtoreti isithixokazi samaSidon, noKemoshe uthixo wamaMowabhi, noMilikom uthixo wama-Amon. Ewe, banxaxhile ezindleleni zam; bakutyeshele ukwenza izinto ezilungileyo; abayithobelanga imithetho nemimiselo yam njengoko wenzayo uDavide uyise kaSolomon.
34. Kodwa ke umbuso andiyi kuwuthatha wonke esandleni sikaSolomon; yena woba ngumlawuli ngayo yonke imihla yokudla kwakhe ubomi, ngenxa kaDavide isicaka sam endasinyulayo saza sayithobela imithetho nemimiselo yam.
35. Umbuso lo ndiya kuwohlutha kunyana wakhe, wena ndikunike izizwe ezilishumi.
36. Unyana wakhe ndomnika isizwe esinye, ukuze isicaka sam uDavide sibe nesibane yonke imihla eJerusalem isixeko endasinyulela igama lam.
37. Kambe ke wena ndiya kukumisa ulawule kangangoko ufuna, ube ngukumkani kwaSirayeli.
38. Ndiya kuba nawe ukuba uthe wenza ngokwemithetho yam, wahamba ngokweendlela zam, wenza okuhle ngokuthobela imimiselo nemiyalelo yam njengoDavide isicaka sam. Ndiya kukwenzela isizukulwana sabalawuli esiqiniseke njengêso ndasinika uDavide; ndomnikela kuwe uSirayeli.
39. Ke sona isizukulwana sikaDavide ndiya kusithoba ngenxa yale nto. Kambe ke, loo nto ayiyi kuhlala injalo.’ ”
40. Ke uSolomon wazama ukubulala uJerobhowam, kodwa ke yena wabalekela eJiputa, kukumkani uShishaki, waza ke wahlala khona wada wasweleka uSolomon.
41. Ke zona ezinye iziganeko zolawulo lukaSolomon, nayo yonke imisebenzi nobulumko bakhe, nâzo zibhaliwe encwadini yembali kaSolomon.
42. Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane uSolomon elawula kwaSirayeli eJerusalem.