1 Yookumkani 10:20-25 Ibhayibhile (XHO96)

20. Kuloo manqwanqwa okunyuka amathandathu kwakumi iingonyama ezilishumi elinambini, zingambini ziphahle inqwanqwa ngalinye. Enjalo yona into yayingazange yenziwa nakubuphi na ubukumkani.

21. Yonke impahla yokusela kakumkani uSolomon yayiyeyegolide, ngokunjalo nayo yonke impahla yebhotwe elalibizwa ngokuba lihlathi laseLebhanon yayiyigolide ecikizekileyo. Kwakungekho nto eyayenziwe ngesiliva, kuba kaloku ngemihla kaSolomon isiliva yayingaxabisekanga.

22. Ukumkani wayeneqela leenqanawe zokurhweba elwandle phaya, ngaphandle kwezo zikaHiram. Zazibuya kanye ngeminyaka emithathu, zifike zithwele igolide, isiliva, amabamba eendlovu, iinkawu, neemfene.

23. Ukumkani uSolomon wayebalasele ngobutyebi nangobulumko kunabo bonke ookumkani behlabathi.

24. Ihlabathi liphela lalifuna amacebiso kuSolomon ukuze live ubulumko abunikwe nguThixo.

25. Minyaka le umntu ngamnye ozayo wayesiza nomrhumo – izinto zesiliva, ezegolide, iminweba, izixhobo, izinongo, amahashe, neemeyile.

1 Yookumkani 10