6. Kaloku uyise wayengazanga amngxolise athi kuye: “Uyenzeleni into enje?” Yena wayesalekela uAbhasalom, ibe ke umfo lo eyinzwana.)
7. UAdoniya ke wathetha-thethana noJowabhi unyana kaZeruya, kunye noAbhiyatare owayengumbingeleli, baza ke bona bamxhasa.
8. Ke yena umbingeleli uZadoki, noBhenaya unyana kaJoyada, *nomshumayeli uNatan, noShimeyi, noReyi, kunye noolindikhaya bakaDavide, zange bahambisane noAdoniya.
9. UAdoniya wathatha iigusha neenkomo namathole atyetyisiweyo wenza idini elityeni likaZohelete ngase-En-rogeli. Wabamema bonke abaninawe bakhe, oonyana bakakumkani, nawo onke amadoda akwaJuda angamaphakathi komkhulu.
10. Kodwa ke wabashiya abashumayeli uNatan noBhenaya noolindikhaya kunye nomninawa wakhe uSolomon.
11. UNatan wabuza kuBhashebha unina kaSolomon wathi: “Uvile nje ukuba uAdoniya ozalwa nguHagiti bamenze ukumkani ngaphandle komhlekazi uDavide?
12. Yiva ke, ndikucebise, ukuze usinde, usindise nobomi bonyana wakho uSolomon.
13. Yiya kukumkani uDavide, uthi kuye: ‘Mhlekazi, kumkani, kanene wawungafunganga kum wathi: “Ngenene unyana wakho uSolomon woba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam”? Ngani ke ngoku kungene uAdoniya abe ngukumkani?’
14. Ke kaloku uya kuthi usathetha njalo nokumkani, nam ndingene ndikungqinele kuloo nto uyithethayo.”