1 Yookumkani 1:42-53 Ibhayibhile (XHO96)

42. Esabuza njalo kwathi gqi uJonatan unyana wombingeleli uAbhiyatare. UAdoniya wathi: “Ngena! Umntu ohlonipheke njengawe lo unokuba usiphathele iindaba ezimnandi.”

43. UJonatan waphendula wathi kuAdoniya: “Hayi bo! Umhlekazi ukumkani uDavide umisele uSolomon wangukumkani.

44. Ukumkani umkhuphe nombingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti; bamkhwelise kwimbongolo kakumkani.

45. Ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambisele eGihon wangukumkani. Basuke apho benemincili; nangoku ke kusathe nkxwe esixekweni. Loo ntswahla uyivayo ngabo.

46. Ewe, uSolomon selengene esihlalweni phaya ebhotwe.

47. Namaphakathi akomkhulu nango evuyisana nomhlekazi ukumkani uDavide esithi: ‘Ngamana uThixo angalenza labalasela ngaphezu kwelakho igama likaSolomon, nolawulo lwakhe aluqaqambise ngaphezulu!’ Nokumkani ke suka wathelela enqula esemandlalweni wakhe.

48. Ewe, usuke wathi: ‘Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, othe namhlanje wandenzela inyhweba yokuba ndimbone ngawam amehlo lowo uthatha isihlalo esikhundleni sam.’ ”

49. Lakuziva ezi ndaba iqela lika-Adoniya lothuka lachithakala ngoko nangoko.

50. Ke yena uAdoniya ngokoyika uSolomon wasuka waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.

51. Waxelelwa ke uSolomon kwathiwa: “UAdoniya nanko ebambelele ngeempondo zeqonga lamadini kuba esoyika ukumkani uSolomon. Uthi: ‘Ukumkani uSolomon makafunge namhlanje, athembise ukuba akayi kundifaka ikrele andibulale mna sicaka sakhe.’ ”

52. USolomon wathi: “Ukuba ufumaniseke engumfo onyanisekileyo, akayi kuba nawo nowempumlo umkrwelo; kambe ke, ukuba ufumaniseke enobubi, uza kufa.”

53. Ukumkani uSolomon wathumela amadoda, amphuthuma apho eqongeni lamadini uAdoniya. Ke uAdoniya weza wafika wakhahlela apho kukumkani uSolomon. Ke uSolomon wathi kuye: “Kulungile, goduka.”

1 Yookumkani 1