41. UAdoniya nâbo wayebamemile bayiva le ntshukumo, xa kanye baliphethayo itheko labo. Akusiva isandi sesigodlo uJowabhi wabuza wathi: “Ngaba yeyantoni le ngxokolo ivakala esixekweni?”
42. Esabuza njalo kwathi gqi uJonatan unyana wombingeleli uAbhiyatare. UAdoniya wathi: “Ngena! Umntu ohlonipheke njengawe lo unokuba usiphathele iindaba ezimnandi.”
43. UJonatan waphendula wathi kuAdoniya: “Hayi bo! Umhlekazi ukumkani uDavide umisele uSolomon wangukumkani.
44. Ukumkani umkhuphe nombingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti; bamkhwelise kwimbongolo kakumkani.
45. Ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambisele eGihon wangukumkani. Basuke apho benemincili; nangoku ke kusathe nkxwe esixekweni. Loo ntswahla uyivayo ngabo.
46. Ewe, uSolomon selengene esihlalweni phaya ebhotwe.
47. Namaphakathi akomkhulu nango evuyisana nomhlekazi ukumkani uDavide esithi: ‘Ngamana uThixo angalenza labalasela ngaphezu kwelakho igama likaSolomon, nolawulo lwakhe aluqaqambise ngaphezulu!’ Nokumkani ke suka wathelela enqula esemandlalweni wakhe.