3. Behla benyuka ke apho kwaSirayeli, bekhangela loo nzwakazi, bada ke bafumana uAbhishagi umShunemikazi. Bamthatha ke, bamzisa apho kukumkani.
4. Intombi le ke yayiyinzwakazi ecikizekileyo. Yamonga ke ukumkani, yamlungiselela, kambe ke yena ukumkani zange ayambathe.
5. Ke kaloku uAdoniya, unyana kakumkani, onina yayinguHagiti, wazigqatsa wathi: “Ndiza kuba ngukumkani.” Wazilungiselela iinqwelo namahashe, kananjalo wandulelwa ngamashumi amahlanu amadoda. (
6. Kaloku uyise wayengazanga amngxolise athi kuye: “Uyenzeleni into enje?” Yena wayesalekela uAbhasalom, ibe ke umfo lo eyinzwana.)