14. Ke kaloku uya kuthi usathetha njalo nokumkani, nam ndingene ndikungqinele kuloo nto uyithethayo.”
15. Ngenene ke wangena uBhashebha, waya kuyibona ingwevu leyo ingukumkani, isegumbini layo lokulala, apho yayihleli noAbhishagi umShunemikazi eyilungiselela.
16. UBhashebha wavova, waguqa phambi kokumkani.Ukumkani wathi: “Kukho nto na uyifunayo?”
17. Ke kaloku waphendula wathi: “Mhlekazi, andithi kanene nguwe ngokwakho owafungayo apha kum, mna sicakazana sakho, wabhambathisa *ngoNdikhoyo uThixo wakho usithi: ‘USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani esikhundleni sam, angene esihlalweni sam’?
18. Kodwa ke ngoku nanko uAdoniya engukumkani ngaphandle kwakho, mhlekazi kumkani, wena ungazi nto ngaloo nto.
19. Wenze idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, neegusha. Futhi ubamemile noonyana bakho, kunye nombingeleli uAbhiyatare nenjengele yomkhosi uJowabhi. Kambe ke akammemanga uSolomon isicaka sakho.
20. Kambe ke, mhlekazi kumkani, uSirayeli ewonke ujonge kuwe, ulindele ukuva ngawe ukuba ngubani na oza kungena ahlale esikhundleni sakho emva kwakho.
21. Kungenjalo ke, mhlekazi, uya kuthi nje ukuba ufe ulaliswe nooyihlo, mna nonyana wam uSolomon siphathwe njengabangcatshi.”
22. Uthe esathetha nokumkani njalo, wagaleleka umshumayeli uNatan.
23. Waxelelwa ke ukumkani kwathiwa: “Nanku umshumyeli uNatan.” Wangena ke, waya kukumkani, wafika wakhahlela, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.
24. UNatan wathi: “Ngaba nguwe na, mhlekazi kumkani, othe uAdoniya uya kuba ngukumkani emva kwakho, angene esihlalweni sakho?
25. Kaloku namhlanje uye kwenza idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, kunye neegusha. Ubamemile bonke oonyana bakho, iinjengele zomkhosi, nombingeleli uAbhiyatare. Ngoku nâbo besela bemana bedanduluka besithi: ‘Khul' ud' ukhokhobe, kumkani Adoniya!’
26. Phofu ke akammemanga umbingeleli uZadoki, nam sicaka sakho, noBhenaya unyana kaJoyada, kunye noSolomon isicaka sakho.
27. Mhlekazi kumkani, ingaba nguwe lo wenze into enje ungazazisanga izicaka zakho ukuba ngubani na oya kungena ahlale esikhundleni sakho xa ungasekho?”
28. Ukumkani uDavide wathi: “Ndibizeleni uBhashebha.” Weza ke, wafika wema phambi kokumkani.
29. Ke kaloku ukumkani wafunga wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo, yena owandihlangulayo kuzo zonke iinkathazo,
30. inene namhlanje ndiza kuyifezekisa into endakufungela yona ngoNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ndisithi: ‘Unyana wakho uSolomon uya kuba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam.’ ”
31. UBhashebha wavova, ejonge phantsi, waguqa phambi kokumkani, wathi: “Phil' ud' ukhokhobe, mhlekazi kumkani Davide!”