1 Yeziganeko 9:15-28 Ibhayibhile (XHO96)

15. uBhakebhakare, uHerese, uGalali, uMataniya kaMika kaZikri ka-Asafu,

16. uObhadiya kaShemaya, kaGalali kaJedutun, noBherekiya ka-Asa kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.

17. Naba abagcini-masango bendlu kaThixo ababehlala eJerusalem: nguShalum, noAkubhi, noTalmon, noAhiman, nabantakwabo. Intloko yabo ibinguShalum.

18. Unangoku basagada isango elingasempumalanga, elo adla ngokungena ngalo ukumkani. Mandulo babegada amasango eekampu zabaLevi.

19. UShalum unyana kaKore, unyana ka-Abhiyasafu, unyana kaKora, kunye namawabo amaKora, wayephathiswe umsebenzi wokugada amasango endlu kaThixo kanye njengoko ookhokho babo babegada isango lentente esisibingelelo *sikaNdikhoyo.

20. Mandulo uFineyasi, unyana kaElazare, wayebongamele abagcini-masango, yaye uNdikhoyo wayenaye.

21. UZekariya, unyana kaMeshelemiya, naye wayengumgcini-sango kwindlu kaNdikhoyo.

22. Bebonke abagcini-masango bendlu kaThixo babengamakhulu amabini aneshumi elinesibini. Babebalwa ngokwemimandla abahlala kuyo. Ookhokho babo babenikwe uxanduva lokuba ngabagcini-masango ngukumkani uDavide nomshumayeli uSamweli, kuba babengamadoda athembekileyo.

23. Bona nenzala yabo babesoloko ke begada amasango endlu kaNdikhoyo.

24. Babegada amasango kumacala omane; empumalanga nasentshonalanga, ngasentla nangasezantsi.

25. Aba bagadi babencediswa ngamawabo asezilalini awayedla ngokuza kubabambela iintsuku zibe sixhenxe.

26. Bekukho abaLevi abane abangabaphathi babagadi. Bona babethenjiwe, begada amagumbi noovimba bendlu kaThixo.

27. Ebusuku babelala kufuphi nendlu kaThixo, ukuze bayaluse, baze bayivule yonke intsasa.

28. Abanye kubaLevi babephethe ubugcwabalala obusetyenziswayo xa kunqulwa. Yonke into ephumayo babeyibhala, baphinde benjenjalo naxa ibuyayo.

1 Yeziganeko 9