11. uAzariya kaHilekiya kaMeshulam kaZadoki kaMerayoti ka-Ahitubhi, owayeligosa elikhulu lendlu kaThixo,
12. uAdaya kaJehoram kaPashure kaMalekiya, noMasayi ka-Adiyeli kaYazera kaMeshulam kaMeshilemiti kaImere.
13. Ababingeleli ababeziinkulu zezindlu babeliwaka elinamakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu. Babeziingcungela kumsebenzi wendlu kaThixo.
14. Naba abaLevi ababehlala eJerusalem: nguShemaya kaHashubhi ka-Azerikam kaHashabhiya, wendlu kaMerari,
15. uBhakebhakare, uHerese, uGalali, uMataniya kaMika kaZikri ka-Asafu,
16. uObhadiya kaShemaya, kaGalali kaJedutun, noBherekiya ka-Asa kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.