49. UAron noonyana bakhe babenyusa amadini eqongeni lamadini atshiswayo, beqhumisela eqongeni leziqhumiso, besenza wonke umsebenzi weyona ndawo ingcwele endlwini kaThixo. Bebengxengxeza egameni lamaSirayeli ngokwemiyalelo yonke kaMosis isicaka sikaThixo.
50. Naba oonyana baka-Aron: uAron wazala uElazare, uElazare wazala uFineyasi, uFineyasi wazala uAbhishuwa,
51. uAbhishuwa wazala uBhuki, uBhuki wazala u-Uzi, u-Uzi wazala uZeraya,
52. uZeraya wazala uMerayoti, uMerayoti wazala uAmariya, uAmariya wazala uAhitubhi,
53. uAhitubhi wazala uZadoki, uZadoki wazala uAhimahaze.
54. Nantsi imihlaba eyanikwa inzala ka-Aron wendlu yakwaKohati. Banikwe isabelo sokuqala kwiindawo ezabelwe abaLevi *ngeqashiso.
55. Banikwa iHebron ezweni lakwaJuda kunye namadlelo ayo.
56. Ke wona amasimi aseHebron kunye neelali eziyingqongileyo zanikwa uKalebhi unyana kaJefune.
57. Nazi ke iidolophu namadlelo azo ezanikwa oonyana baka-Aron: iHebron (eyayisisixeko sokuphephela), iLibhena, iYatire, iEshtamowa,
58. iHilen, iDebhiri,
59. iAshan, neBhete-shemeshe.
60. Esizweni sakwaBhenjamin banikwa ezi dolophu zinamadlelo azo: iGebha, iAlemete, neAnatoti. Zizonke ezi dolophu ezazinikwe amaKohati bezilishumi elinantathu.
61. Oonyana bakaKohati abaseleyo bazabelwa ngeqashiso iidolophu ezilishumi esiqingatheni sesizwe sakwaManase.
62. Oonyana bakaGershon ngokwezindlu zabo banikwa iidolophu ezilishumi elinantathu esizweni sakwaIsakare nasesizweni sakwaNafetali nakwicandelo lesizwe sakwaManase eliseBhashan.
63. Oonyana bakaMerari ngokwezindlu zabo bazabelwa ngeqashiso iidolophu ezilishumi elinambini esizweni sakwaRubhen nasesizweni sakwaGadi nasesizweni sakwaZebhulon.
64. Ke ngoko amaSirayeli anika abaLevi ezi dolophu zikhankanyiweyo zinamadlelo azo.
65. Kwizizwe zakwaJuda, nakwaSimon, nakwaBhenjamin bazifumana ngamaqashiso.