1 Yeziganeko 6:32-48 Ibhayibhile (XHO96)

32. Babethwele uxanduva lokulungiselela ngeengoma kwisibingelelo esiyintente, wada ukumkani uSolomon wayakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem. Umsebenzi wabo babewuqhuba ngokwemiqathango abayibekelweyo.

33. Naba ke abebephathiswe iingoma noonyana babo: Kwindlu kaKohati umbhexeshi wekwayara enkulu ibinguHeman unyana koJoweli, kaSamweli,

34. kaElikana, kaJeroham, kaEliyeli, kaTowa,

35. kaZufi, kaElikana, kaMahati, ka-Amasayi,

36. kaElikana, kaJoweli, ka-Azariya, kaZefaniya,

37. kaTahati, ka-Asire, ka-Abhiyasafu, kaKora,

38. kaIzare, kaKohati, kaLevi, kaSirayeli.

39. Ikwayara enganeno ibibhexeshwa nguAsafu unyana kaBherekiya, kaShimeya,

40. kaMikayeli, kaBhaseya, kaMalekiya,

41. kaEteni, kaZera, ka-Adaya,

42. kaEtan, kaZima, kaShimeyi,

43. kaYahati, kaGershon, kaLevi.

44. Ikwayara yesithathu ibibhexeshwa nguEtan wendlu kaMerari. UEtan lo ebengunyana kaKishi unyana ka-Abhedi, kaMaluki,

45. kaHashabhiya, ka-Amaziya, kaHilekiya,

46. ka-Amazi, kaBhani, kaShemere,

47. kaMali, kaMushi, kaMerari, kaLevi.

48. Amawabo abaLevi ayephathiswe wonke umsebenzi ongomnye esibingelelweni nasendlwini kaThixo.

1 Yeziganeko 6