6. uBhali wazala uBheyera owafuduswa nguTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya. UBheyera lo ebesisikhulu samaRubhen.
7. Nazi iintloko zendlu yakwaRubhen ngokokulandwa komlibo wokuzalwa: nguYehiyeli, noZekariya,
8. noBhela unyana ka-Azazi kaShema kaYoweli. Aba babemi eArohere kuye eNebho naseBhali-meyon.
9. Imfuyo yabo yanda ezweni laseGiliyadi, baza banabela empumalanga, baya kuma emacaleni entlango ethabathela emlanjeni iEfrati.
10. Ngemihla kaSawule amaRubhen aqhwaya imfazwe, alwa namaHagri, aza awoyisa. Ayithimba ke imizi yamaHagri kuwo wonke umhlaba ongakwimpuma yeGiliyadi.
11. Oonyana bakaGadi babemelene nabakaRubhen ezweni laseBhashan ukuya kutsho eSaleka.
12. Indlu enkulu yayiyekaJoweli eBhashan, kulandele ekaShafam, ekaJanayi nekaShafati.
13. Ezinye izindlu yayizezi: ekaMikayeli, ekaMeshulam, ekaShebha, ekaJorayi, ekaYakan, ekaZiya, nekaHebhere, zisixhenxe zizonke.
14. Babeyinzala ka-Abhihayili, unyana kaYuriyi, kaYarowa, kaGiliyadi, kaMikayeli, kaYeshishayi, kaYado, kaBhuzi.
15. UAhi, unyana ka-Abhediyeli kaGuni, wayeyintloko yezi zindlu.
16. AmaGadi la ayemi eGiliyadi naseBhashan nasezilalini zalapho nasemadlelweni aseSharon onke.
17. Bonke aba babalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaJuda nangemihla kaJerobhowam ukumkani wakwaSirayeli.
18. AmaRubhen namaGadi nesiqingatha sesizwe sakwaManase ayenamadoda angamashumi amane anesine amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamashumi amathandathu, akufaneleyo ukuphuma umkhosi. La madoda ayengamakroti aqeqeshelwe umkhosi, ekuqhelile ukusebenzisa ikhaka nekrele nokudubula ngeentolo.
19. Lo mkhosi waya emfazweni walwa nezizwe zamaHagri ezingamaJeture, namaNafishi, namaNodabhi.
20. Umkhosi lo wawukholose ngoThixo, waza wathandazela ukuncedwa nguye ekulweni. Wawuva ke uThixo umthandazo wawo, wawuncedisa emfazweni, oyiswa amaHagri nabo bonke ababekunye nawo.
21. Yathinjwa ke impahla yamaHagri: iinkamela ezingamawaka amashumi mahlanu, iigusha ezimawaka amakhulu mabini anamashumi mahlanu, needonki ezingamawaka amabini. Ngaphezu koko bathimba nabantu abalikhulu lamawaka.