1 Yeziganeko 4:25-41 Ibhayibhile (XHO96)

25. UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.

26. Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.

27. UShimeyi wayenoonyana abalishumi elinantandathu neentombi ezintandathu, kodwa abantakwabo-Shimeyi ababanga nabantwana abaninzi. Ke ngoko indlu yakwaSimon ayandanga njengendlu yakwaJuda.

28. Babehlala eBheshebha, naseMolada, naseHazare-shuwali,

29. naseBhileha, nase-Ezem, naseToladi,

30. naseBhetuweli, naseHoma, naseZikelage,

31. naseBhete-markabhoti, naseHazare-susim, naseBhete-bhiri, naseSharayim. Zizo ezo ke iilali apho yayihlala khona indlu yakwaSimon de uDavide waba ngukumkani.

32. Babehlala nakwezinye iindawo ezintlanu: e-Etam, eAyin, eRimon, eToken, naseAshan,

33. kwanasezilalini eziphahle ezo ndawo, kude kuye kutsho kwaBhali. Zizo ezo ke iindawo ababehlala kuzo, begcina imilibo yokuzalwa.

34. Nazi ke iintloko zezindlu: UMeshobhabhi; noYamleki; noYosha, unyana ka-Amaziya;

35. noYoweli; noYehu, unyana kaYoshibhiya kaSeraya ka-Asiyeli;

36. noEliyohenayi; noYakobha; noYeshohaya; noAsaya; noAdiyeli; noJesimiyeli; noBhenaya;

37. noZiza, unyana kaShifi ka-Alon kaYedaya kaShimri kaShemaya.

38. Ke izindlu zabo zanaba kunene,

39. bada baya ngasemacaleni eGedore, beyifunela amadlelo impahla yabo empumalanga entilini yalapho.

40. Bafumana amadlelo atyebileyo amahle, ethe thabalala. Elo lizwe lalizolile, lonwabile. Kudala kwakumi amaHam apho.

41. Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda la madoda akhankanyiweyo afika awahlasela amaHam ezindlwini zawo, kwakunye namaMehun awayelapho, aza awatshabalalisa kwaphela, njengoko kusenjalo nangoku. Ahlala ezikhundleni zawo ke, kuba amadlelo alapho ebeyifanele impahla yawo.

1 Yeziganeko 4