Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda la madoda akhankanyiweyo afika awahlasela amaHam ezindlwini zawo, kwakunye namaMehun awayelapho, aza awatshabalalisa kwaphela, njengoko kusenjalo nangoku. Ahlala ezikhundleni zawo ke, kuba amadlelo alapho ebeyifanele impahla yawo.