1 Yeziganeko 27:32-34 Ibhayibhile (XHO96)

32. UJonatan, uyisekazi kaDavide, ebeliphakathi. Wayeyindoda ekrele-krele efundileyo. Yena noYehiyeli unyana kaHakimoni babengabaqeqeshi boonyana bakakumkani.

33. UAhitofele ebeliphakathi likakumkani. UHushayi umArki wayengumhlobo kakumkani.

34. Emva kokusweleka kuka-Ahitofele uJoyada unyana kaBhenaya noAbhiyatare baba ngamaphakathi. Injengele yomkhosi kakumkani yayinguJowabhi.

1 Yeziganeko 27