2-3. Nazi ke iingqwayi-ngqwayi zala mabutho alishumi elinambini (ibutho ngalinye belinamadoda angamashumi ambini anane amawaka):inyanga yokuqala: ingqwayi-ngqwayi yayinguYashobham unyana kaZabhediyeli wendlu kaPerezi;
4. inyanga yesibini: nguDodayi umAhohi, osekela lakhe belinguMikeloti;
5. inyanga yesithathu: nguBhenaya unyana wombingeleli uJoyada
6. owayeyinkokheli yeqela lamagorha angamashumi amathathu – isekela lakhe belingunyana wakhe uAmizabhedi;
7. inyanga yesine: nguAsayeli umninawa kaJowabhi, owalandelwa ngunyana wakhe uZebhadiya;
8. inyanga yesihlanu: nguShamuti umIzare;
9. inyanga yesithandathu: nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;