1. Nazi iintloko zamaqela abagcini-masango endlu kaThixo: KumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore wendlu ka-Asafu.
2. UMeshelemiya wayenoonyana abasixhenxe: yayinguZekariya owamazibulo, ibe nguYediyali, uZebhadiya, uYateniyeli,
3. uElam, uYohanan, noEliyehunayi.
4-5. Bekukho no-Obhedi-edom owathamsanqelwa nguThixo waba noonyana abasibhozo. YayinguShemaya owamazibulo, ibe nguYozabhadi, uYowa, uSakare, uNataniyeli, uAmiyeli, uIsakare, noPewuletayi.
6. Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti.
7. Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya.
8. Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.
9. Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.
10-11. KumaMerari yayinguHosa noonyana bakhe abane: uShimri, noHilekiya, noTebhaliya, noZekariya. UShimri wamiselwa ubukhulu nguyise nakuba wayengelozibulo. Kwinzala nezizalwane zikaHosa abagcini-masango kwindlu kaThixo babelishumi elinantathu.