KumaMerari yayinguHosa noonyana bakhe abane: uShimri, noHilekiya, noTebhaliya, noZekariya. UShimri wamiselwa ubukhulu nguyise nakuba wayengelozibulo. Kwinzala nezizalwane zikaHosa abagcini-masango kwindlu kaThixo babelishumi elinantathu.