1 Yeziganeko 26:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nazi iintloko zamaqela abagcini-masango endlu kaThixo: KumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore wendlu ka-Asafu.

2. UMeshelemiya wayenoonyana abasixhenxe: yayinguZekariya owamazibulo, ibe nguYediyali, uZebhadiya, uYateniyeli,

3. uElam, uYohanan, noEliyehunayi.

6. Unyana kaObhedi-edom, uShemaya, wazala oonyana abaziinkokheli, nditsho amagorha anobukroti.

7. Oonyana bakaShemaya aba ngoo-Oteni, noRafayeli, no-Obhedi, noElizabhadi, kunye nabona badume ngobukroti uElihu noSemakiya.

8. Ke kwinzala nezizalwana zikaObhedi-edom kwabakho amadoda angamashumi amathandathu anambini awaba ngabagcini-masango, yaye ayenobukroti kulo msebenzi.

9. Kwinzala nezizukulwana zikaMeshelemiya kwakukho amakroti alishumi elinesibhozo.

10-11. KumaMerari yayinguHosa noonyana bakhe abane: uShimri, noHilekiya, noTebhaliya, noZekariya. UShimri wamiselwa ubukhulu nguyise nakuba wayengelozibulo. Kwinzala nezizalwane zikaHosa abagcini-masango kwindlu kaThixo babelishumi elinantathu.

12. La maqela abagcini-masango aphantsi kweenkokheli zawo xa ewonke ayenesigxina sawo sokulungiselela endlwini *kaNdikhoyo.

13. Amaqela la ĂȘnza *amaqashiso kumsebenzi wamasango, kungekho ukhethe phakathi komncinci nomkhulu.

1 Yeziganeko 26