1 Yeziganeko 24:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare.

5. Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.

6. Ke unobhala uShemaya, unyana kaNataniyeli umLevi, wawabhala amagama abo ekho nokumkani kunye nala magosa: umbingeleli uZadoki, uAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, kunye neenkulu zezindlu zababingeleli kunye nezabaLevi. Kwakuthathwa indlu ibe nye kuEliyazare, ize ibe nye nakuItamare.

7. Amaqashiso aphuma ngolu hlobo:Elokuqala laphuma noJoyaribhi,elesibini noYedaya,

8. elesithathu noHarim,elesine noSeworim,

9. elesihlanu noMalekiya,elesithandathu noMiyamin,

10. elesixhenxe noHakoze,elesibhozo noAbhiya,

11. elethoba noYeshuwa,eleshumi noShekaniya,

1 Yeziganeko 24