Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare.