3. UDavide wancediswa nguZadoki, owayeyinzala kaEliyazare, kunye noAhimeleki, owayeyinzala kaItamare; baza ke babahlula-hlula bangamaqela okulungiselela ngezigaba ezimisiweyo.
4. Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare.
5. Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.
6. Ke unobhala uShemaya, unyana kaNataniyeli umLevi, wawabhala amagama abo ekho nokumkani kunye nala magosa: umbingeleli uZadoki, uAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, kunye neenkulu zezindlu zababingeleli kunye nezabaLevi. Kwakuthathwa indlu ibe nye kuEliyazare, ize ibe nye nakuItamare.
7. Amaqashiso aphuma ngolu hlobo:Elokuqala laphuma noJoyaribhi,elesibini noYedaya,
8. elesithathu noHarim,elesine noSeworim,
9. elesihlanu noMalekiya,elesithandathu noMiyamin,
10. elesixhenxe noHakoze,elesibhozo noAbhiya,
11. elethoba noYeshuwa,eleshumi noShekaniya,
12. eleshumi elinanye noEliyashibhi,eleshumi elinesibini noYakim,
13. eleshumi elinesithathu noHupa,eleshumi elinesine noYeshebhabhi,
14. eleshumi elinesihlanu noBhilega,eleshumi elinesithandathu noImere,
15. eleshumi elinesixhenxe noHezire,eleshumi elinesibhozo noHapizere,
16. eleshumi elinethoba noPetaya,elamashumi amabini noYezekeli,
17. elamashumi amabini ananye noJakin,elamashumi amabini anambini noGamuli,
18. elamashumi amabini anantathu noDelaya,nelamashumi amabini anane noMaziya.
19. Lulo olo ke uluhlu lokusebenzisana kwabo ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo ngokwemimiselo abayinikwa ngukhokho wabo uAron ethobela umyalelo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
20. Nazi ke ezinye iinkulu zezindlu zakwaLevi:koonyana baka-Amram nguShubhayeli,koonyana bakaShubhayeli nguYedeya,