1 Yeziganeko 24:2-6 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kambe ke yena uNadabhi noAbhihu basweleka bengenanyana kwangaphambi kokusweleka kukayise. Ngoko ke ababingeleli yaba nguEliyazare noItamare.

3. UDavide wancediswa nguZadoki, owayeyinzala kaEliyazare, kunye noAhimeleki, owayeyinzala kaItamare; baza ke babahlula-hlula bangamaqela okulungiselela ngezigaba ezimisiweyo.

4. Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare.

5. Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.

6. Ke unobhala uShemaya, unyana kaNataniyeli umLevi, wawabhala amagama abo ekho nokumkani kunye nala magosa: umbingeleli uZadoki, uAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, kunye neenkulu zezindlu zababingeleli kunye nezabaLevi. Kwakuthathwa indlu ibe nye kuEliyazare, ize ibe nye nakuItamare.

26-27. koonyana bakaMerari nguMali noMushi,koonyana bakaYaziya, unyana kaMerari, nguBheno, noShoham, noZakure, noHibri,

1 Yeziganeko 24