3. Wakhupha nento eninzi yentsimbi yokwenza izikhonkwane zeengcango zamasango nezokubethelela, kananjalo nobhedu olubunzima bungenamlinganiselo.
4. Wakhupha nenyambalala yezikhuni zomsedare; kaloku zona uDavide wayeziphiwe zazininzi gqitha ngamaSidon namaTire.
5. UDavide wathi: “Umfana wam uSolomon usemncinci, engekabi nawo namava, ibe ke yona le ndlu *kaNdikhoyo eza kwakhiwa kufuneka ibe lipomakazi eliyimbalasane, uduma-kude ngobunewu-newu nakuzo zonke izizwe. Ngoko ke ndiza kuwenza amalungiselelo okwakhiwa kwayo.” Ewe, uDavide wawenza ngokubanzi amalungiselelo lawo kwangaphambi kokusweleka kwakhe.
6. UDavide wathetha nonyana wakhe uSolomon, wamyalela ukuba akhele uNdikhoyo uThixo kaSirayeli indlu.
7. Wathi apho kuSolomon: “Mfo wam, ndandizimisele ukulakhela indlu igama *likaNdikhoyo uThixo wam.
8. Kambe ke kwafika ilizwi likaNdikhoyo kum, lisithi: ‘Wena uliphalaze gqitha igazi; ulwe iimfazwe ezininzi gqitha. Ngoko ke asinguwe oya kulakhela indlu igama lam, kuba wena uphalaze igazi elininzi gqitha emhlabeni phambi kwam.
9. Kambe ke uza kuba nonyana oya kuba yindoda yoxolo nenzolo; mna ndiya kumthi jize ngenzolo, ndimphumze macal' onke ezintshabeni zakhe. Igama lakhe liya kuba nguSolomon, ibe ke uSirayeli ndiya kumthi jize ngoxolo nenzolo ngexesha lombuso wakhe.
10. Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam. Yena uya kuba ngunyana wam, mna ndibe nguYise. Ewe, mna ndiya kusizinzisa isihlalo sombuso wakhe phezu koSirayeli kude kube ngunaphakade.’