1 Yeziganeko 20:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda. Wenjenjalo ke uDavide nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.

4. Ekuhambeni kwethuba amaSirayeli alwa namaFilistiya eGezere. Ngelo thuba ke uSibhekayi umHusha wabulala uSipayi ongomnye wenzala kaRafa; aza ke amaFilistiya oyiswa.

5. Kwelinye idabi namaFilistiya uEl-hanani, unyana kaJayire, wabulala uLami owayengumntakwabo-Goliyati umGati, lowa wayenomkhonto ongangesibonda.

6. Kanti ke kwelinye idabi elaliwa eGati, kwakukho ingxilimbela yomfo otsho ngeminwe emithandathu ezandleni zozibini nasezinyaweni zombini, ingamashumi amabini anesine iyonke. Naye wayeyinzala kaRafa.

1 Yeziganeko 20