Kanti ke kwelinye idabi elaliwa eGati, kwakukho ingxilimbela yomfo otsho ngeminwe emithandathu ezandleni zozibini nasezinyaweni zombini, ingamashumi amabini anesine iyonke. Naye wayeyinzala kaRafa.