7. Baqesha amashumi amathathu anambini amawaka eenqwelo namajoni azo, kwakunye nokumkani waseMaka nomkhosi wakhe. Ke yena waza wafika wamisa ngaseMedeba; abe ke wona ama-Amon ecombuluka ephuma kuzo zonke iidolophu zawo, exhobele imfazwe.
8. Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha.
9. Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Baye ke bona ookumkani ababeze kuncedisa bethe gingqi bodwa phaya ethafeni.
10. Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram.
11. Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, aza ahlelwa loo madoda ajongana nama-Amon.
12. UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.
13. Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zoThixo wethu. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”
14. UJowabhi namabutho akhe wafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.