1 Yeziganeko 19:10-15 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram.

11. Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, aza ahlelwa loo madoda ajongana nama-Amon.

12. UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.

13. Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zoThixo wethu. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”

14. UJowabhi namabutho akhe wafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.

15. Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wajika waya eJerusalem nomkhosi wakhe.

1 Yeziganeko 19