1 Yeziganeko 17:9-20 Ibhayibhile (XHO96)

9. Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili,

10. ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kuzoyisa zonke iintshaba zakho.“ ‘Nditsho kuwe ukuthi nguNdikhoyo oya kuyizinzisa indlu yakho.

11. Yakuphela imihla yakho, xa sowuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe.

12. Nguye ke oya kundakhela indlu, ndiluzinzise ulawulo lwakhe ngonaphakade.

13. Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam. Uthando lwam kuye alusoze lutshitshe, njengoko lwenzayo kumfo owangena esikhundleni sakhe wena.

14. Ndiya kummisela endlwini yam, alawule kude kube ngunaphakade. Ewe, ulawulo lwakhe lohlala ngonaphakade.’ ”

15. Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.

16. Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Ndikhoyo Thixo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?

17. Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Thixo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ewe, Ndikhoyo, Thixo wam, ude wandiphatha ngathi ndingumntu onewonga.

18. “Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Ndikhoyo, wena osiwonga kangaka isicaka sakho? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho!

19. Ngenxa yesicaka sakho, nangokuthanda kwakho, wenze le nto inkulu kangaka, waza wavakalisa nezi zithembiso zingaka.

20. “Akakho onjengawe, Ndikhoyo, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

1 Yeziganeko 17