1 Yeziganeko 17:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.

16. Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Ndikhoyo Thixo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?

17. Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Thixo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ewe, Ndikhoyo, Thixo wam, ude wandiphatha ngathi ndingumntu onewonga.

18. “Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Ndikhoyo, wena osiwonga kangaka isicaka sakho? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho!

19. Ngenxa yesicaka sakho, nangokuthanda kwakho, wenze le nto inkulu kangaka, waza wavakalisa nezi zithembiso zingaka.

20. “Akakho onjengawe, Ndikhoyo, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

21. Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze uzenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa.

22. Waza ke amaSirayeli wawenza abantu bakho ncakasana ngonaphakade. Wena ke, Ndikhoyo, waba nguThixo wabo.

23. “Ngoku ke, Ndikhoyo, isithembiso osenzileyo ngokuphathelele kwisicaka sakho kunye nendlu yaso masibe njalo ngonaphakade. Yenza ngokwesithembiso sakho,

24. ukuze sona sizinze, negama lakho libalasele ngonaphakade. Nabantu ke botsho bathi: ‘UNdikhoyo uSomandla, uThixo kaSirayeli, nguye uThixo wakhe.’ Nendlu yesicaka sakho uDavide ke iya kuzinza phambi kwakho.

25. “Wena Thixo wam, usithyilele isicaka sakho ukuba uya kusakhela indlu. Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokuthandaza kuwe.

26. Wena Ndikhoyo, unguThixo! Isicaka sakho esi usenzele esi sithembiso sihle kangakanana.

1 Yeziganeko 17