1. Akuba uDavide ezinzile kwikomkhulu lakhe wathetha *nomshumayeli uNatan, wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo ihlala nje ententeni.”
2. UNatan wathi kuDavide: “Nantoni na oyicingayo ungayenza, uThixo unawe.”
3. Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaThixo lisithi:
4. “Hamba uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Asinguwe umntu oza kundakhela indlu endiya kuhlala kuyo.
5. Ukususela mhla ndamkhupha eJiputa uSirayeli kude kube namhla andizange ndihlale endlwini. Ndasoloko nditshintsha izikhundla, ndithi ndikule indawo yokumisa intente, ndibe ndikuleya.
6. Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’