1 Yeziganeko 14:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukumkani uHiram waseTire wathumela izigidimi kuDavide, ziphethe izibonda zomsedare, zihamba neengcibi zamatye nabachweli, ukuze bakhele uDavide ibhotwe.

2. Ke uDavide waqonda ukuba *uNdikhoyo umzinzisile wangukumkani kwaSirayeli, eqonda nokuba umbuso wakhe uwuphakamise kakhulu ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

3. Apho eJerusalem ke uDavide wathatha abanye abafazi, waza ke wazala abanye oonyana neentombi.

4. Nanga amagama abantwana bakhe abazelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon,

5. uIbhare, uElishuwa, uElipelete,

6. uNoga, uNifege, uYafiya,

7. uElishama, uBheliyada, noElifelete.

8. Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wasuka waya kuwahlangabeza.

1 Yeziganeko 14