5. Ngoko ke uDavide wahlanganisa uSirayeli wonke jikelele ukusukela kumlambo iShikore kwelaseJiputa kuye kwinkalo yaseHamati, ukuze kulandwe ityesi kaThixo eKiriyati-yarim.
6. UDavide namaSirayeli ewonke waya eBhala kwaJuda (eKiriyati-yarim) ukuze ithathwe khona ityesi kaThixo leyo ibizwa ngegama lakhe uNdikhoyo. Ke yena ungqendeve phakathi *kwezithunywa ezimaphiko.
7. Bayithatha ke ityesi kaThixo endlwini ka-Abhinadabhi, beyithwele ngenqwelo entsha, ikhokelwa ngu-Uza noAhiyo.
8. UDavide namaSirayeli ephela babebhiyoza ngamxhelo mnye phambi koThixo, becula iingoma, bekhalisa iihaphu, iikatala, amagubu, amacangci, namaxilongo.
9. Bathi bakufika ngasesandeni sikaKidon, zakhubeka iinkabi, waza u-Uza wayibamba ityesi yomnqophiso eyixhasa.
10. Wavutha umsindo kaNdikhoyo ngaku-Uza, waza wambetha wafa, kuba eyichukumise ngesandla ityesi leyo. Ngoko ke wafa ngoko nangoko ebulawa nguThixo.
11. Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kwathiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.
12. Wangenwa kukoyika uThixo ngaloo mini uDavide, wathi: “Yaz'ba ndingayithabathela njani na kum ityesi kaThixo?”
13. Ngoko ke wayiyeka ityesi leyo, akabi sayibeka kwisixeko sikaDavide. Ndaweni yaloo nto wayibeka endlwini kaObhedi-edom umGati.
14. Yahlala apho ke ityesi kaThixo, kuloo mzi kaObhedi-edom, iinyanga zantathu. Ke uNdikhoyo wayithamsanqela indlu kaObhedi-edom nento yonke anayo.