1 Yeziganeko 12:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. noYowela noZebhadiya oonyana bakaJeroham zaseGedore.

8. Namanye kumaGadi awelela kuDavide ngoko asenqabeni yakhe entlango. Yayingamatsha-ntliziyo aqule aligangatha, iinto ezinesandla ngakumkhonto nekhaka. Yayizizinto ezibuso bungwanyalala okwengonyama, izinto ezisantya ngathi yimbabala yentaba.

9. Ayekhokelwa nguEzere, esalekelwa nguObhadiya, kulandele uEliyabhi,

10. owesine inguMismana, owesihlanu inguJeremiya,

11. uAtayi ingowesithandathu, uEliyeli ingowesixhenxe,

12. owesibhozo inguYohanan, uElizabhadi ingowethoba,

13. uJeremiya ingoweshumi, oweshumi elinanye inguMakebhanayi.

14. La maGadi yayiziingqwayi-ngqwayi zomkhosi, nelona tyutyusi kuwo sasingeyontanga yalo nekhulu, noyena makhonya kuwo engeyontanga yalo newaka.

15. Ngawo la awela umlambo iJordan ngenyanga yokuqala, ingazele iphuphuma, aza abaswantsulisa bonke ababemi kwiintili zayo empuma nasentshona.

1 Yeziganeko 12