1 Kwabasekorinte 16:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngokunxulumene nomnikelo wokunceda amakholwa akwaJuda, yenzani ngale ndlela ndandiwayalele ngayo amabandla aseGalati.

2. NgeCawe nganye umntu ngamnye makaqokelele isixa esithile semali, ngokwengeniso ayizuzileyo, asibeke bucala, ukwenzela ukuba ningaqali ukuqokelela ndakuba ndifikile.

3. Ndakufika ndothuma amadoda eniwakhethileyo nina ngokwenu, ayise imali leyo eJerusalem, ndiwaphathise nencwadi yokuwazisa.

4. Ukuba kuyimfuneko ukuba nam ndiye aya kuselehamba nam.

5. Emveni kokuba ndigqithile eMakedoni, ndiya kuza kufika nalapho eKorinte. Kaloku ndiza kucanda kwelaseMakedoni.

6. Kungenzeka ndihlale ixeshana; mhlawumbi ndingabuchithela apho kuni ubusika. Kofuneka nindixhase ke ukudlula apho kuni, noba ndiya phi na.

7. Ukuba iNkosi iyavuma, bendingàthandi kudlula nje, bendingathanda ukukhe ndibe nethutyana ndihleli nani.

8. Ndizimisele ukukhe ndihlale apha e-Efese ide idlule *iPentekoste.

9. Apha kukho ithuba elihle elivulelekileyo lokusebenza, kodwa ke nenkcaso ikwankulu kangako.

10. Ukuba kwenzekile uTimoti wagqitha ngapho, ze nincede nimamkele, atsho azive esekhaya. Kaloku naye usisicaka seNkosi njengam.

11. Musani ukumdela, koko mncedeni ukuze alufeze uhambo lwakhe ngoxolo, eze apha kum. Nam ndimlindele apha kunye namakholwa.

1 Kwabasekorinte 16