1 Kwabasekorinte 15:34-48 Ibhayibhile (XHO96)

34. Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.

35. Mhlawumbi omnye uya kubuza athi: “Bavuka kanjani na abafileyo? Bavuka benomzimba onjani na?”

36. Siyathandini, akwazi ukuba imbewu oyityalileyo ayintshuli ingakhange ife kuqala?

37. Le nto uyityalayo ayisiso isithombo, kodwa yimbewu nje, nokuba yeyengqolowa okanye olunye uhlobo.

38. Imbewu nganye uThixo uyinika isimo esiyifaneleyo ngokuthanda kwakhe.

39. Inyama yezinto eziphilayo ayifani; ikho eyabantu, ikho neyezilwanyana, neyeentaka ikhona, kanti ikwakho neyeentlanzi. Xa iyonke ke ayifani.

40. Ukumila nesithomo sezidalwa ezisezulwini kwahlukile. Ezasezulwini zinobuhle nesidima esisodwa, kanti nezasemhlabeni zinobuhle nesidima esahlukileyo.

41. Ilanga linobuqaqawuli balo lodwa, nenyanga inobuqaqawuli obubodwa, kanti neenkwenkwezi zinobuqaqawuli obahlukileyo, kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye ngokuqaqamba.

42. Kukwanjalo ke nakuvuko lwabafileyo. Njengokuba umzimba ungcwatywa unako ukonakala, uvuka ungasenakonakala.

43. Ungcwatywa uthobekile, uvuka unobuqaqawuli; ungcwatywa ubuthathaka, uvuka unamandla.

44. Kungcwatywa umzimba ongowemvelo, kuvuka umzimba ongowoMoya. Njengokuba ukho nje umzimba ongowemvelo, kucacile ukuba ukho nomzimba ongowoMoya.

45. Kuba *iziBhalo zithi umntu wokuqala, uAdam, waba ngumntu odla ubomi, yena ke owokugqibela uAdam waba nguMoya odlisa ubomi.

46. Akuqali okoMoya, kodwa kuqala okwemvelo, kuze kulandele ke okoMoya.

47. Owokuqala umntu wenziwa ngothuli lomhlaba, ungowomhlaba; yena owesibini uMntu waphuma ezulwini.

48. Abasemhlabeni abantu bafana naloo mntu wenziwa ngomhlaba; kanti ke abasezulwini abantu bafana naloo Mntu wavela ezulwini.

1 Kwabasekorinte 15