31. Ndihleli ndisemngciphekweni wokufa mihla le, mawethu! Ngenene le nto ndiyithetha ndiqhayisa ngani ngenxa yebhongo endinalo ngokumanywa kwam noYesu Krestu iNkosi yethu.
32. Ukuba apha e-Efese bendisilwa namarhamncwa ngamandla obuntu nje kuphela ibingandinceda ntoni loo nto? Kodwa ke ukuba akukho kuvuka kwabafileyo “masisesisitya sisela, kuba ngomso siya kufa,” ngabula saci.
33. Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.”
34. Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.
35. Mhlawumbi omnye uya kubuza athi: “Bavuka kanjani na abafileyo? Bavuka benomzimba onjani na?”
36. Siyathandini, akwazi ukuba imbewu oyityalileyo ayintshuli ingakhange ife kuqala?
37. Le nto uyityalayo ayisiso isithombo, kodwa yimbewu nje, nokuba yeyengqolowa okanye olunye uhlobo.
38. Imbewu nganye uThixo uyinika isimo esiyifaneleyo ngokuthanda kwakhe.
39. Inyama yezinto eziphilayo ayifani; ikho eyabantu, ikho neyezilwanyana, neyeentaka ikhona, kanti ikwakho neyeentlanzi. Xa iyonke ke ayifani.
40. Ukumila nesithomo sezidalwa ezisezulwini kwahlukile. Ezasezulwini zinobuhle nesidima esisodwa, kanti nezasemhlabeni zinobuhle nesidima esahlukileyo.
41. Ilanga linobuqaqawuli balo lodwa, nenyanga inobuqaqawuli obubodwa, kanti neenkwenkwezi zinobuqaqawuli obahlukileyo, kuba inkwenkwezi iyahluka kwenye ngokuqaqamba.
42. Kukwanjalo ke nakuvuko lwabafileyo. Njengokuba umzimba ungcwatywa unako ukonakala, uvuka ungasenakonakala.
43. Ungcwatywa uthobekile, uvuka unobuqaqawuli; ungcwatywa ubuthathaka, uvuka unamandla.