1 Kwabasekorinte 13:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.

4. Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali.

5. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.

6. Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso.

7. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.

8. Uthando alupheli. Zikho zona iintshumayelo ezinefuthe, kodwa ziyatshitsha. Zikho neziphiwo zokuthetha iilwimi, kodwa nazo ziyabhanga. Kukwakho nokwazi, kodwa kuyadlula nako.

9. Kaloku ezi ziphiwo sinazo zokwazi nokushumayela azigqibelelanga.

10. Kodwa ke xa kuthe kwafika oko kugqibeleleyo okungagqibelelanga kuya kuphuthiswa konke.

11. Xeshikweni bendingumntwana, bendithetha njengomntwana, ndicinga njengomntwana, ndinezimvo zobuntwana; njengoko ke ndimdala, ndahlukene ngoku neendlela zobuntwana.

12. Into esiyibonayo ngoku yimbonakalo nje eluzizi ngokungathi sikhangele esipilini; kanti ke ngoko siya kubona ngokucacileyo. Ukwazi kwam ngoku akugqibelelanga, kanti ke ndokwazi kakuhle ngoko, kufane nokundazi kwakhe uThixo ukwazi kwam.

13. Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.

1 Kwabasekorinte 13