3. Kaloku ukumthanda uThixo kuhambisana nokuthobela imiyalelo yakhe. Ke yona imiyalelo kaThixo ayinzima kuthi.
4. Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.
5. Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.
6. Ebomini bukaYesu kwaqaqamba amanzi negazi. Kambe ke asingomanzi odwa, koko ngamanzi negazi. UMoya ngokwakhe uyayingqina le nyaniso; kaloku uMoya ngumthombo wenyaniso.
7. Ke amangqina mathathu,
8. ayangqinelana: uMoya, amanzi, negazi.
9. Obu ke bubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe, ibe ke buthembekile. Kambe ke thina siyabamkela nobungqina babantu.
10. Okholwayo kuNyana kaThixo nentliziyo yakhe iyangqina; kambe ke yena ongakholwayo kuThixo, umenza ixoki ngokungabamkeli ubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe.
11. Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana.
12. Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
13. Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.