1 Kayohane 3:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Bahlobo bam, singabantwana bakaThixo ngoku, kodwa ke into esiya kuba yiyo ayikacaci. Siyazi kambe ukuba akufika uKrestu siya kufana naye, kuba soba simbona njengoko anjalo.

3. Wonke umntu oneli themba kuKrestu uzenza nyulu kanye njengokuba noKrestu enyulu.

4. Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.

5. Niyazi kaloku ukuba uKrestu weza kucamagushela isono; ibe ke akanasono yena.

6. Ngoko ke lowo umanyene noKrestu uyazilumla esonweni. Lowo ungazilumliyo esonweni akakamboni uKrestu, engazani nokwazana naye.

7. Musan' ukulahlekiswa, bantwana bam: Ngumntu olungisayo olilungisa, kanye njengoko noKrestu elilo.

8. Umntu ongumoni ufuze uSathana, yena wonayo kwasekuqaleni. UNyana kaThixo ke wezela kanye into yokuba abhangise umsebenzi kaSathana.

9. Lowo ke ungumntwana kaThixo akoni rhoqo. Kaloku uzelwe nguThixo yena. Umntwana kaThixo kaloku akanakuhlalela ukona.

10. Nguwo lo ke umahluko phakathi kwabantwana bakaThixo nabakaSathana: Umntu ongenzi okulungileyo nongawathandiyo amanye amakholwa, asingomntwana kaThixo.

11. Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.

1 Kayohane 3