1 Kayohane 2:17-29 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.

18. Bantwana bam, isiphelo sisemnyango! Kaloku nanivile ukuba umchasi-Krestu uyeza. Nangoku ke sebevele babaninzi abamchasayo uKrestu. Yiloo nto ke esenza siqonde ukuba isiphelo sisemnyango.

19. Aba bantu bakreqa apha kuthi, kuba babengekho ngakuthi kakade; kaloku ukuba babengakuthi ngebabengakreqanga. Ke kaloku basishiyile, khon' ukuze kucace ukuba babengengabo abethu ncam.

20. Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele; ngoko ke nonke ninolwazi.

21. Ndinibhalela nje ke akungakuba ningayazi inyaniso; hayi, kungenxa yokuba niyazi, futhi ke niqonda ukuba ubuxoki abuveli enyanisweni.

22. Ngaba ngubani ixoki xa ingenguye lowo uphikayo ukuba uYesu unguKrestu? Umntu onjalo ungumchasi kaKrestu. Akamvumi uYise kwanoNyana.

23. Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.

24. Ngoko ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni lugcineni ezintliziyweni zenu. Ukuba ke olo daba naluvayo kwasekuqaleni luhleli kuni, nani niya kusoloko nimanyene noNyana ngokunjalo noYise.

25. Into awayesithembise yona ke uKrestu bubomi obungunaphakade.

26. Ndinibhalela ezi zinto mayela nabo banikhohlisayo.

27. Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu.

28. Ewe, bantwana bam, hlalani nimanyene noKrestu ukuze sibe nesibindi akuvela; ngokunjalo singabi naziintloni ngeMini yokufika kwakhe.

29. Niyazi ukuba uKrestu ulilungisa; ngokunjalo ke qondani ukuba nawuphi na umntu owenza okulungileyo ungumntwana kaThixo.

1 Kayohane 2