1 Kasamweli 6:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. AmaFilistiya ayethumele imifuziselo yamathumba emihlanu enziwe ngegolide, engxengxeza ngayo kuNdikhoyo. Umfuziselo ngamnye wawumele isixeko. Ezo zixeko yayiyiAshdode, iGaza, iAshkelon, iGati, kunye ne-Ekron.

18. Bathumela kwanemifuziselo yeempuku ezenziwe ngegolide. Impuku nganye yayimele isixeko ngasinye sezo nkosi zintlanu zamaFilistiya, nditsho izixeko ezibiyelweyo kunye neziphaluka zazo. Elo litye lalisentsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe lisemi apho unanamhla oku, libubungqina bento eyehla apho.

19. UNdikhoyo wababetha abemi baseBhete-shemeshe, kwafa abangamashumi asixhenxe, kuba kaloku basuka bayijonga ityesi yomnqophiso. Kwazilwa ngabemi balapho, kuba uNdikhoyo ebhubhise abantu abaninzi kangaka.

20. Abemi baseBhete-shemeshe bathi: “Kambe ke ngubani onako ukuma phambi *koNdikhoyo, lo Thixo wahluke kangaka? Singayithumela phi ityesi yakhe ukusuka apha?”

21. Bathumela izigidimi eKiriyati-yarim ukuba ziye kuthi kubemi balapho: “Ayibuyisile amaFilistiya ityesi yomnqophiso. Yizani niyiphuthume.”

1 Kasamweli 6