1 Kasamweli 31:2-10 Ibhayibhile (XHO96)

2. AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa.

3. Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamngxwelerha.

4. Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga, xa ziza kundibulala.”Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.

5. Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele, wafa kunye noSawule.

6. Kwaba njalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye naloo mfana owayemphathela izikhali. Kwawa onke amadoda omkhosi kaSawule ngaloo mhla.

7. AmaSirayeli angaphesheya kwentili nangaphesheya kweJordan athi akubona ukuba umkhosi wakwaSirayeli uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolophu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.

8. Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe bobathathu ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa.

9. Amnqumla intloko uSawule, amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso ezindlwini *zoothixo bawo nakuwo onke amawabo.

10. Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo uAshtaroti, isidumbu sakhe asibethelela kudonga lwedolophu iBhete-shan.

1 Kasamweli 31