1. Amabutho amaFilistiya aqokelelana eAfeki, waza umkhosi wamaSirayeli waya kumisa ngakumthombo waseYizereli.
2. Zaphuma iikumkani zamaFilisitiya, zihamba namabutho azo angamakhulu-khulu namawaka-waka. Yena uDavide namadoda akhe babelandela ngasemva, behamba kunye nokumkani uAkishe.
3. Zidumzele iinkokheli zamaFilistiya zakubabona, zathi: “La maHebhere afuna ntoni apha?”Kuphendule ukumkani uAkishe kweso sithuba, wathi: “Ngumphakathi kakumkani uSawule lo, uDavide. Selenethuba elide elapha kum, yaye andifumananga sikhwasilima kuye okoko wafikayo apha kum.”
4. Azimhoyanga iinkokheli zamaFilistiya, zaba nomsindo, zathi: “Makahambe lo mfo apha, aye kulaa dolophu wamnika yona. Makangayi kunye nathi emfazweni, hleze asijikele xa lishushu idabi. Leyo ingaba yindlela elula angaxolisa ngayo inkosi yakhe ngokubulala amadoda omkhosi wethu.
5. Kanene, asinguye na lo Davide bakha bombelela ngaye abafazi besithi: ‘USawule ubulele amawaka, kodwa yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi’?”
6. UAkishe ke wabiza uDavide, waza wathi kuye: “Davide, ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, wena unyanisekile, ndaye bendingathandayo ukuba siye kunye kule mfazwe, kuba andifumananga sikhwasilima kuwe konke okoko wafikayo apha kum. Kambe ke abanye abaphathi àbakholwa bubukho bakho.