1. Ngaloo mihla amaFilistiya ayeqokelele amabutho, eza kulwa namaSirayeli. Ukumkani uAkishe wabhekisa kuDavide wenjenje: “Uzuqonde mhlophe ukuba wena namadoda akho niza kulwela mna kule mfazwe!”
2. Uphendule wathi uDavide: “Uza kuzibonela ngokwakho, mhlekazi, oko angákwenzayo umkhonzi wakho.”Uphendule wathi ukumkani uAkishe: “Yiyo ke loo nto ndifuna ukuba ube ngumlindi wam osisigxina wena.”
3. Ngelo xesha uSamweli wayeselebhubhile, aza onke amaSirayeli amzilela, amngcwaba eRama kwisixeko sakhe. Ngaloo mihla uSawule wayebagxothe kwaSirayeli bonke abavumisa ngoonomathotholo kwakunye noosiyazi.
4. Amabutho amaFilistiya aqokelelana, aya kumisa eShunem. Ke yena uSawule wawaqokelela amaSirayeli, umkhosi wawumisa entabeni iGilibhowa.
5. Wankwantya uSawule akuwubona umkhosi wamaFilistiya,
6. wabuza *kuNdikhoyo ukuba angathini na. UNdikhoyo akamphendulanga; nditsho nangamaphupha, kwankqu *nangeeurim neethumim, ukanti *nangabashumayeli.
7. Ngenxa yaloo nto ke uSawule wathi kumaphakathi akhe: “Ndifuneleni umfazi ovumisa ngoonomathotholo, ukuze sithathe iintonga, siye kuye.”“Ukho lo kuthiwa use-Endore,” kutsho amaphakathi.
8. USawule wazenza mntu wumbi, wanxiba zambatho zimbi. Uthe ngorhatya wakhatshwa ngamaphakathi amabini, baya kuloo mfazi uvumisayo. Uthe akuba efikile kuloo mfazi uSawule, wabhekisa kuye wenjenje: “Khawubhekise kwabangasekhoyo, undibizele lo mntu ndiza kukuxelela igama lakhe.”
9. Suke loo mfazi wathi kuSawule: “Ngathi uyayazi nje into eyenziwe ngukumkani uSawule! Andithi nguye owaphelisa abavumisa ngoonomathotholo kwakunye noosiyazi kwaSirayeli? Kutheni ufuna ukundibambisa nje, ndibulawe?”
10. Wafunga uSawule wathi: “Ndiyafunga, ekho nje uNdikhoyo, akuyi kubekwa tyala wena ngenxa yale nto.”
11. “Ndikuvusele bani ke?” kutsho loo mfazi.“Ndivusele uSamweli,” kuphendula uSawule.
12. Kuthe akuvela uSamweli, wakhala ngamandla loo mfazi, wathi kuSawule: “Kutheni undikhohlisa nje? Inguwe nje ukumkani uSawule!”